Abantu abaninzi abantsundu eMzantsi Afrika bohluthelwa umhlaba wabo ngooRhulumente bengcinezelo. Umzabalazo wenkululeko ubuquka ukubuyiselwa komhlaba kubantu bawo, nokuqinisekisa ukuba abantu bayawufumana umhlaba ngendlela echazwe kuMgaqo-Siseko welizwe lethu. UZilindile Blouw waseTsitsikama, uRonnie Matshaya wase Matatiele, kunye noSindiswa Mtsila wase Sterkspruit bakuxelela ngelungelo labo lokuvelisa ezolimo. Bonke bafumene uncedo kwiSebe uDRDAR elifake igxalaba kuMashishini abo ezolimo.

#FreedomToFarm #FreedomDay22 #FreedomMonth